ISEBE LOBUCIKO, AMASIKO, ISAYENSI KUNYE NOBUCHWEPHESHE
Indlela eya
KULWAZI NGOBUGCISA JIKELELE KULWIMI LWESINTU
UBUCHULE BOKUPHATHA UMCIMBI KUMZANTSI AFRIKA
Yintoni uLwazi ngoBugcisa jikelele kuLwimi lwesiNtu (I-HLT)?
ULwazi ngoBugcisa jikelele kuLwimi lweSintu (I-HLT) lwenza babe nako abanolwazi ngobugcisa nabenza ukuba kwenzeke ukuba abantu basebenzisane neekhompyutha ngokusebenzisa ulwimi lomntu kunye nentetho. Olu lwazi ngobugcisa jikelele lusukela kwizinga eliphezulu lendlela yokuguqulwa komatshini benziwa basebenzisa indlela yelizwi lemfundo okanye elorhwebo elinokuthi lisetyenziswe ngabantu abangafundanga, kunye nasekusetyenzisweni kwemfundo kunye noqeqesho kwinkonzo zikawonke wonke ulawulo lokusetyenziswa kwekhompyutha(i-e-governance) kunye nasekusetyenzisweni koshishino wekhomyutha (I-e-commerce).
Ulwazi ngoBugcisa jikelele kuLwimi lweiNtu lwenza unxibelelwano loluntu oluthethwa ngomatshini umzekelo iindlela zolwazi ezisekwe kwiminxeba kunye neendlela zokubhukisha ezisebenzisa oomatshini abazihambelayo (iihotele, ukuthatha uhambo, ithiyatha njalo njalo), ekubeni imisebenzi elula eyayinikezwa yi-HLT, enjengopelo kunye nokutshekitshwa kwemigaqo yentetho, ibisoloko ikhona ixesha elide phantse kuzo zonke iilwimi zesiYurophu.
KuMzantsi Afrika i-HLT iya kulandela umkhondo ngokukhawulezileyo wokusetyenziswa kunye nokuveliswa kweelwimi ezazingathathelwa ngqalelo kwaye inyuse izinga lenkqubo karhulumente lwentetho yeelwimi ezininzi. Iya kwenza kube lula ukunikezelwa kwenkonzo ezingcono njengoko abemi beya kuba nako ukujonga okanye banikezele ngolwazi nangoluphi na ulwimi olusemthethweni.
Kutheni i-SA ifuna ubuchule bokuphatha umcimbi woLwazi ngoBugcisa jikelele kuLwimi loMntu?
Ubuchule bokuphatha umcimbi we-HLT buya kuqinisekisa okokuba wonke amaphulo kunye nenkqubela ye-HLT eMzantsi Afrika alungelelaniswa kuncedo olukhulu lwesizwe.
Ukusetyenziswa kwe-HLT xa kukonke, umzekelo, kuxhomekeke kubukho bengqokelela enkulu yolwazi lwezixhobo ezisebenzisa ikhompyutha. Ukuba umvelisi ngamnye kufuneka aqokelele ulwazi ngaphambi kokuba abe nako ukuvelisa ukusetyenziswa , okuthile okusezingeni eliphezulu okunje ngokunakanwa kwentetho kuya kuthatha ixesha ukuphunyezwa. Ubuchule obuchaza ubukho bolwazi obuza kusetyenziswa kwakhona buya kukhawulezisa inkqubela ye-HLT eMzantsi Afrika.
Ubuchule be-HLT buya kwenza kube lula ukumiswa koshishino lwe-HLT oluya kuba luncedo kubemi boMzantsi Afrika kuba I-HLT igunyazisa abantu ukuba bathathe inxaxheba ngokukhutheleyo kuMbutho woLwazi ngokuthi yenze kube lula ithuba kulwazi oluninzi.
Uxwebhu olube sisiphumo sobuchule luceba undlela ntathu wecebo lokuvelisa I-HLT eMzantsi Afrika:
Inyathelo lokuqala: Ukukhuliswa komfuziselo woMzantsi Afrika we-HLT ngophando olusetyenziswayo kunye nesikhundla sokwakha, ukuveliswa kobutyebi belwimi, ukukhuliswa kokuba nako ukwazi ngobugcisa jikelele kunye nokwenza kube lula ukukhulisa ushishino lwe-HLT e-SA.
Inyathelo lesibini: Ukwakha ubume bomthetho ukuqinisekisa ukufumana ngendlela emisiweyo, ulawulo kunye nolondolozo lobutyebi belwimi olukwiziXhobo ze-Elektroniki.
Inyathelo lesithathu: Ukukhulisa amaziko akhoyo ukulawula ukuphunyezwa ngeLwimi lukaZwelonke olumsulwa kunye namaZiko oButyebi beNtetho, uLwimi lukaZwelonke oluMsulwa olukwiziXhobo ze-Elektroniki kunye nonxibelelwano looVimba beNtetho kwakunye neBhunga loLawulo lwe-HLT.
Amalungu egqiza labacebisi le-HTL
Umnxeba: 429-8253
Umnxeba: 887-2253
Umnxeba: 650-2816
Umnxeba: 299-1487
Umnxeba: 429-8282
Umnxeba: 482-3230
Igqiza labacebisi lincediswa ngumlungelelanisi osisigxina
Umlawuli: Iqela loPhando woLingo ngokuSetyenziswa kweZandi Mazwi (RUEPUS)
Umnxeba: (+27) 21 808-2017
Isebe lobuCiko, amaSiko, iSayensi, NobuChwepheshe
Umnxeba: +27 12 337- 8366
Oluxwebhu luyafumaneka nangezinye iilwimi ezilishumi ezisemthethweni.
